Uzakariya 7:11-14 Ibhayibhile (XHO96)

11. “Kodwa zange bavume ukundiphulaphula, suka baneenkani, bandifulathela, neendlebe zabo bazivingca.

12. Ewe, iintliziyo zabo zasuka zaba lukhuni okwenyengane, abavuma ukuwaphulaphula amazwi kaNdikhoyo onamandla onke, lawo wayewathumele ngoMoya wakhe *kubashumayeli bamandulo. Ngoko ke uNdikhoyo onamandla onke waba nomsindo.

13. “UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ndathi ndakuthetha abaphulaphula; ngoko ke nabo bathi bakukhala andasabela.

14. Ndasuka ndabachitha-chitha ngesaqhwithi, bathi saa ezizweni, baba ziimbacu. Ilizwe labo lasala libharhile, kungekho nomntu lo ongenayo nophumayo. Kwaba njalo ke ukulibharhisa kwabo ilizwe elihle.’ ”

Uzakariya 7