Uzakariya 6:5-10 Ibhayibhile (XHO96)

5. Isithunywa siphendule sathi kum: “Le yimimoya emine esuka phambi kweNkosi yehlabathi liphela.

6. Laa nqwelo itsalwa ngamahashe amnyama iya kwelasentla, le yamahashe amhlophe ibheka ngasentshona, ize le yamahashe amvubo iye kwelasezantsi.”

7. La amvubo wona ayengasaziva selengxamele ukutyhutyha ihlabathi lonke. Isithunywa ke sathi kuwo: “Hambani nilityhutyhe ihlabathi lonke.” Aza ke alihamba lonke ihlabathi.

8. Ke kaloku sabhekisa kum sathi: “Laa mahashe aye kwelasentla asa uMoya wam khona.”

9. Ilizwi *likaNdikhoyo lafika kum lathi:

10. “Thatha ezaa zipho zivela kubathinjwa ababuye eBhabheli, uHeledayi, uTobhiya, noYedaya, uye nazo kwangaloo mini kwindlu kaYosiya unyana kaZefaniya.

Uzakariya 6