6. Ke kaloku isithunywa sikaNdikhoyo samthembisa sathi:
7. “UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, wayithobela imimiselo yam, indlu yam iya kulawulwa nguwe, ngokunjalo neenkundla zam zibe phantsi kwakho; kananjalo ke nawe uya kuba nendawo phakathi kwaba bemi apha.
8. “ ‘Yoshuwa, mbingeleli omkhulu, phulaphula, beve nabo oogxa bakho abakungqongileyo; abo bangumqondiso wezinto ezizayo. Kaloku ndiya kuvelisa ihlumelo elisisicaka sam.
9. Uyabona ke ndibeke ilitye phambi koYoshuwa, litye elo elinamehlo asixhenxe kulo. Kulo ke ndiya kukrola umbhalo, isono seli lizwe ndisisuse ngamini-nye,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.”
10. “UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ngaloo mini nonke ngabanye elowo uya kumema ummelwane wakhe, ahlale naye phantsi komdiliya noba ngumkhiwane.’ ”