Uzakariya 2:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndaphinda ndathi ndakukhangela ndabona nanko umfo phambi kwam ephethe esandleni sakhe intambo yokulinganisa.

2. Ndaza ndathi: “Uya phi?”Ke yena wathi kum: “Ndiza kulinganisa iJerusalem, ndifumanise ububanzi nobude bayo.”

3. Semka ke eso sithunywa sasithetha nam, saza sahlangatyezwa sesinye,

4. sathi kuso: “Sukelisa, uthethe nalaa mfana, uthi: ‘IJerusalem iza kuba sisixeko esingabiyelwanga, kuba yoba nabantu abaninzi gqitha ndawonye nempahla yabo.

5. Ndim ngokwam oya kuba ludonga lwayo lomlilo ndiyijikeleze, ubungangamsha bam bube ngaphakathi kwayo.’ Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.”

6. “Hoyinaa! Sabani ezweni langasentla,” utsho uNdikhoyo. “Kaloku ndinichitha-chithele kumacala omane ehlabathi,” utsho uNdikhoyo.

7. “Ewe, yiza, Ziyon! Balekani, nina enihlala eBhabheli.”

8. Kaloku uNdikhoyo onamandla onke ondigunyazise wandithuma kwizizwe ezanixhaphazayo, uthethe wathi: “Nabani na onichukumisayo uchukumisa ukhozo lweliso lwam.

Uzakariya 2