Uzakariya 2:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndaphinda ndathi ndakukhangela ndabona nanko umfo phambi kwam ephethe esandleni sakhe intambo yokulinganisa.

2. Ndaza ndathi: “Uya phi?”Ke yena wathi kum: “Ndiza kulinganisa iJerusalem, ndifumanise ububanzi nobude bayo.”

3. Semka ke eso sithunywa sasithetha nam, saza sahlangatyezwa sesinye,

4. sathi kuso: “Sukelisa, uthethe nalaa mfana, uthi: ‘IJerusalem iza kuba sisixeko esingabiyelwanga, kuba yoba nabantu abaninzi gqitha ndawonye nempahla yabo.

Uzakariya 2