Uzakariya 10:7-10 Ibhayibhile (XHO96)

7. AmaEfrayim osuka abe ngamagorha;zosuka zichwayite iintliziyo zabo,ngathi' arhabule iwayini.Abantwana bawo baya kubona bavuye,ichwayite intliziyo yabo nguNdikhoyo.

8. Ndobakhweba ndize ndibaqokelele.Ngenene ndiza kubahlangula,babe yinyambalala njengamandulo.

9. Nakuba ndabasarhaza ezizweni,kodwa nakwelikude baya kundikhumbula.Bona ndawonye nenzala yabo bosinda,baze babuyele ekhaya.

10. Ndiya kubakhupha ezweni laseJiputa,ndibaqokelele naseAsiriya.Ndobabuyisela eGiliyadi naseLebhanon,kangangokuba kungabikho ndawo inokubanela.

Uzakariya 10