4. baza bagqiba ekubeni mabenze iqhinga. Bathume izigidimi zilayishe ukutya ezimbongolweni ngeengxowa ezigugileyo.
5. Zanxiba amadlavu, neembadada ezikrazukileyo, zathatha isonka esomileyo esingundileyo
6. Zenyuka zaya esikhululweni eGiligali, zafika zathi kuYoshuwa namaSirayeli: “Singabantu abavela kwilizwe elikude. Size kucela kuni imvisiswano yokuhlalisana ngoxolo.”
7. AmaSirayeli athi: “Singathini na ukunqophisana nani? Kusenokwenzeka ukuba nisuka kwalapha kufuphi.”
8. Bathi kuYoshuwa: “Thina sizizicaka zakho.”Wababuza uYoshuwa wathi: “Ningamani, yaye nivela phi?”
9. Bona baphendula bathi: “Mhlekazi, sivela kwelikude; saye sivile ngezigigaba *zikaNdikhoyo uThixo wakho, nangayo yonke into awayenza eJiputa,