15. NoYoshuwa ke wasivuma isicelo sawo soxolo, wanqophisana nawo ngelithi akayi kubulawa. Zafunga iinkokheli zebandla lamaSirayeli, zathi loo mnqophiso aziyi kuwutyeshela.
16. Kwathi kungekadluli neentsuku ezintathu senziwa isivumelwano, eva amaSirayeli ukuba abo bantu yayingabamelwane bawo, behlala kufuphi nawo.
17. Anduluka ke amaSirayeli, athi emva kweentsuku ezintathu agaleleka apho kwakuhlala khona loo madoda. Izixeko zawo yayiyiGibheyon, iKefira, iBheroti, kunye neKiriyati-yarim.
18. Kambe ke amaSirayeli akazange ababulale aba bantu, kuba kaloku iinkokheli zebandla lawo zazibenzele isifungo ngegama likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Lonke ibandla lakwaSirayeli lazikhalazela iinkokheli,