17. Seza ngaphambili isizwe sakwaJuda ngokwezindlu zaso, kwaza kwalathwa indlu kaZera. Kuloo ndlu kaZera kwathiwa imizi yayo mayize ngaphambili,
18. kwaza kwalathwa umzi kaZabhedi. Eza ngaphambili amadoda aloo mzi, kwaza kwalathwa uAkana unyana kaKarmi umzukulwana kaZabhedi wakwaZera wesizwe sakwaJuda.
19. Wathi kuye uYoshuwa: “Mfo wam, mzukise uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, uzityande igila kuye, uyivume into oyenzileyo, ungandifihleli.”
20. Wathi uAkana: “Kuyinene ukuba ndimonile uNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Yiyo ke le into endayenzayo: