15. Loo ndoda ke yalathiweyo kwaza kwafunyanwa kuyo ezo zinto kufuneka zitshatyalalisiwe, yotshiswa kunye nako konke okukokwayo. Kaloku iwaphule umnqophiso kaNdikhoyo, yenza ubuyatha kwaSirayeli.”
16. Kwangentsasa ngengomso uYoshuwa wawabiza amaSirayeli, izizwe ngezizwe. Isizwe sakwaJuda salathwa nguNdikhoyo.
17. Seza ngaphambili isizwe sakwaJuda ngokwezindlu zaso, kwaza kwalathwa indlu kaZera. Kuloo ndlu kaZera kwathiwa imizi yayo mayize ngaphambili,
18. kwaza kwalathwa umzi kaZabhedi. Eza ngaphambili amadoda aloo mzi, kwaza kwalathwa uAkana unyana kaKarmi umzukulwana kaZabhedi wakwaZera wesizwe sakwaJuda.