8. Akuba alusiwe ke onke, ahlala esikhululweni ada aphila loo madoda.
9. UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Namhlanje ndilisusile kuni ihlazo lokuba ngamakhoboka aseJiputa.” Yiyo ke loo nto loo ndawo kwathiwa ukubizwa kwayo yiGiligali, igama esabizwa ngalo.
10. Ngexesha amaSirayeli ayeseseGiligali entilini yaseJeriko, enza umsitho *wePasika ngokuhlwa komhla weshumi elinesine waloo nyanga.
11. Ngomhla olandelayo ayeqala ukutya ukutya kwaseKanana, agcada ingqolowa, enza nezonka ezingenagwele.