Uyoshuwa 5:8-11 Ibhayibhile (XHO96)

8. Akuba alusiwe ke onke, ahlala esikhululweni ada aphila loo madoda.

9. UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Namhlanje ndilisusile kuni ihlazo lokuba ngamakhoboka aseJiputa.” Yiyo ke loo nto loo ndawo kwathiwa ukubizwa kwayo yiGiligali, igama esabizwa ngalo.

10. Ngexesha amaSirayeli ayeseseGiligali entilini yaseJeriko, enza umsitho *wePasika ngokuhlwa komhla weshumi elinesine waloo nyanga.

11. Ngomhla olandelayo ayeqala ukutya ukutya kwaseKanana, agcada ingqolowa, enza nezonka ezingenagwele.

Uyoshuwa 5