12. *Imana yaphela ngengomso, akaphinda ayifumana amaSirayeli, aza ngaloo nyaka atya ukutya okuveliswe yiKanana.
13. Xa wayeselapho ngaseJeriko uYoshuwa, wagagana nomfo ophethe ikrele. Waya kuye uYoshuwa, wafika wathi: “Ngaba ungakuthi, okanye ulutshaba?”
14. “Nakanye, ndikho nje mna ndiyingqwayi-ngqwayi yomkhosi *kaNdikhoyo,” utshilo lo mfo.Wazikhahlela phantsi uYoshuwa, wathi: “Mhlekazi, mna ke ndisisicaka sakho; ufuna ndenze ntoni?”
15. Yathi loo ngqwayi-ngqwayi yomkhosi kaNdikhoyo: “Khulula iimbadada zakho ezo. Lo mhlaba umi kuwo ngumhlaba ongcwele.” Wenjenjalo ke uYoshuwa.