Uyoshuwa 5:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Zonke iikumkani zama-Amori ngasentshonalanga kweJordan, nazo zonke ezamaKanana ezigudle ulwandle, zeva ngesiganeko esenziwa nguNdikhoyo sokomisa iJordan ada awela onke amaSirayeli. Zankwantya, zaphelelwa ngamandla ngenxa yamaSirayeli.

2. Ngelo xesha *uNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Sebenzisa iintshengeca zelitye lenyengane, uwaluse amaSirayeli angolukanga.”

3. Wenjenjalo ke uYoshuwa, wawalusela endaweni ekuthiwa yiNduli yeNyama yoKwaluswa.

Uyoshuwa 5