1. Zonke iikumkani zama-Amori ngasentshonalanga kweJordan, nazo zonke ezamaKanana ezigudle ulwandle, zeva ngesiganeko esenziwa nguNdikhoyo sokomisa iJordan ada awela onke amaSirayeli. Zankwantya, zaphelelwa ngamandla ngenxa yamaSirayeli.
2. Ngelo xesha *uNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Sebenzisa iintshengeca zelitye lenyengane, uwaluse amaSirayeli angolukanga.”
3. Wenjenjalo ke uYoshuwa, wawalusela endaweni ekuthiwa yiNduli yeNyama yoKwaluswa.