32. Amathambo kaJosefu awayeze nawo eJiputa amaSirayeli, awangcwaba kumhlaba owathengwa nguYakobi eShekem koonyana bakaHamore uyise kaShekem ngekhulu leesiliva. Lo mhlaba waba lilifa lenzala kaJosefu.
33. Wabhubha noElazare, unyana ka-Aron, waza wangcwatyelwa eGibheya kweleentaba kwaEfrayim, emhlabeni owabelwa uPineyasi unyana wakhe.