27. Wathi ebantwini bonke: “Niyabona, eli litye loba lelobungqina, kuba liwevile onke amazwi uNdikhoyo awabhekise kuthi. Lilo ke eloba lingqina xa nimkhanyela uThixo wenu.”
28. Emva koko ke wabandulula abantu uYoshuwa, umntu ngamnye wabuyela emhlabeni olilifa lakhe.
29. Wabhubha ke emva koko uYoshuwa, unyana kaNune, isicaka *sikaNdikhoyo, eminyaka ilikhulu lineshumi.
30. Wafihlelwa eTimnata-sera, emhlabeni olilifa lakhe, kweleentaba kwaEfrayim, kumantla entaba iGahashe.
31. AmaSirayeli ahlala ekhonza uNdikhoyo lo gama wayesaphila uYoshuwa. Akungabikho ahlala esenjenjalo nangalo gama ayesekho amadoda amakhulu awayenamava ngeziganeko ezikhulu ezenziwa nguNdikhoyo.