Uyoshuwa 22:32-34 Ibhayibhile (XHO96)

32. UPineyasi ke neentloko zamaSirayeli bemka kwaRubhen nakwaGadi eGiliyadi, babuyela eKanana, baya kwenza ingxelo kumaSirayeli.

33. Aneliseka yiloo ngxelo amaSirayeli, atsho abonga uThixo; akabi sathetha ngakuhlasela awutshabalalise umhlaba wamaRubhen namaGadi.

34. Baza ke abantu bakwaRubhen nakwaGadi balibiza elo qonga ngokuthi: “Lingqina kuthi sonke ukuba uNdikhoyo unguThixo.” Baza ke bathi ukulibiza liNgqina.

Uyoshuwa 22