1. UYoshuwa wabiza isizwe sakwaRubhen nesakwaGadi kunye nesiqingatha sesakwaManase sasempuma,
2. wathi: “Nikufezile konke enakuyalelwa sisicaka *sikaNdikhoyo uMosis, nayithobela yonke imiyalelo yam.
3. Unanamhla aniwashiyanga enyanyeni amawenu, koko ninyamekele ukuthobela umthetho kaNdikhoyo uThixo wenu.
4. Ngoku ke uNdikhoyo uThixo wenu uwaphumzile amawenu, njengoko wathembisayo. Ke ngoko godukani niye kumhlaba ongowenu ongakwicala elingasempumalanga yeJordan, lowo nawunikwa nguMosis isicaka sikaNdikhoyo.