1. Iintloko zezindlu zakwaLevi zaya kumbingeleli uElazare noYoshuwa unyana kaNune, bekunye neentloko zezindlu zakwaSirayeli.
2. Zaya kubo eShilo kwelamaKanana, zafika zathi: “*UNdikhoyo wayethe kuMosis thina masinikwe izixeko kunye namadlelo azo.”
3. AmaSirayeli ke ngoko, ethobela umyalelo kaNdikhoyo, acaphula kwilifa lawo, abanika ezinye izixeko zawo abaLevi kunye namadlelo azingqongileyo.
4. *Iqashiso lokuqala laphumela imizi yendlu yabaLevi bakwaKohati, babelwa izixeko ezilishumi linantathu, ezazikummandla wakwaJuda, nowakwaSimon, kunye nowakwaBhenjamin.
5. Inxalenye yemizi kaKohati yabelwa ishumi lezixeko ezazikwaEfrayim, kwaDan, nakwisiqingatha sasentshonalanga sakwaManase.
41-42. AbaLevi babelwa izixeko ezingamashumi mane anesibhozo zizonke kummandla wamaSirayeli. Zonke ezo zixeko ngazinye zazinamadlelo azo.