7. Ahamba ke loo madoda ngendlela eya kumazibuko eJordan, esukela iintlola ezo. Avalwa kwangoko amasango.
8. Ngaphambi kokuba zilale ezo ntlola, uRahabhi waya kuzo phezu kwendlu,
9. wafika wathi: âNdiyazi ukuba *uNdikhoyo ulinike nina eli lizwe. Bonke abemi beli lizwe bayankwantya nini; boyika ngokokude baphelelwe ngamandla.