Uyoshuwa 19:13-28 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ukusuka apho wakhweza kwicala langasempumalanga, ujonge eGati-hefere nase-Eti-kazin, wajika wajonga ngaseRimon usinga eNeha.

14. Umda ngasemantla wajika apho wasinga ngaseHanaton, waya kuma kwintili i-Ifeta-eli.

15. Wawuquka ezi zixeko: iKatati, iNalali, iShimron, i-Idala, kunye neBhetelehem. Yaba lishumi linambini lezixeko kunye neelali ezizingqongileyo.

16. Ezo zixeko kunye nezo lali zazikumhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaZebhulon.

17. Ngesesine isihlandlo *iqashiso laphumela isizwe sakwaIsakare ngokwezindlu zaso.

18. Kummandla waso kwakukho izixeko iYizereli, iKesuloti, iShunem,

19. iHafarayim, iShiyon, iAnarati,

20. iRabhiti, iKishiyon, iEbheze,

21. neRemeti, iEn-ganim, iEn-hada, kunye neBhete-pazeze.

22. Lo mda wadibanisa iTabhore, iShazuma, kunye neBhete-shemeshe, uye kuma ngeJordan. Wawunezixeko ezilishumi linantandathu kunye neelali ezizingqongileyo.

23. Ezo zixeko kunye nezo lali zazikumhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaIsakare ukuze ube lilifa lazo.

24. Ngesihlandlo sesihlanu *iqashiso laphumela isizwe sakwa-Ashere ngokwezindlu zaso.

25. Ummandla wesi sizwe wawuquka izixeko iHelekati, iHali, iBheten, neAkeshafi,

26. kwakunye neAlam-meleki, iAmadi, kunye neMishali. Ngasentshonalanga wawudlula eKarmele naseShikore-libhenati.

27. Ukujika kwawo ngasempumalanga wawusinga ngaseBhete-dagoni, udlule kwaZebhulon nakwintili i-Ifeta-eli ukubheka ngasentla eBhete-emeki naseNeyeli. Wenjenjeya ukunyuka ucanda ngasekunene kweKabhuli,

28. ujonge e-Ebron, eRehobhi, eHamon, naseKana, ukuya kutsho kwiSidon enkulu.

Uyoshuwa 19