5. Nanku ummandla wezindlu zakwaEfrayim: Umda wabo wawusuka eAtaroti-adare ubheke ngasempumalanga eBhete-horon ekumantla,
6. usuke apho uye kutsho elwandle. Ngasemantla apho yayiyiMikemetati, kuthi ngasempumalanga yalapho ujike umda ujonge iTanati-shilo, udlule apho kwangasempuma yalapho, ujonge eYanowa.
7. Ukusuka apho uyehla ubheke eAtaroti naseNara, ugqithe eJeriko, uye kuma ngeJordan.
8. Apho umda wawucanda ngasentshonalanga ukusuka ngaseTapuwa, ubheke kwintlambo iKana, uye kuma ngolwandle. Nguwo ke lowo umhlaba owaba lilifa lezindlu zesizwe sakwaEfrayim.