Uyoshuwa 16:2-6 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ukusuka eBhetele (ekwakuthiwa yiLuzi) wadlulela eAtaroti, apho ayemi khona ama-Arki.

3. Wehla wajonga ngasentshona kummandla wamaYafeleti, waya kuma kummandla waseBhete-horon engasezantsi. Wedlula apho ujonge eGezere, waya kuma ngolwandle.

4. Lo mhlaba waba lilifa lenzala kaJosefu, izizwe zakwaEfrayim noManase.

5. Nanku ummandla wezindlu zakwaEfrayim: Umda wabo wawusuka eAtaroti-adare ubheke ngasempumalanga eBhete-horon ekumantla,

6. usuke apho uye kutsho elwandle. Ngasemantla apho yayiyiMikemetati, kuthi ngasempumalanga yalapho ujike umda ujonge iTanati-shilo, udlule apho kwangasempuma yalapho, ujonge eYanowa.

Uyoshuwa 16