Uyoshuwa 13:2-3-6-7 Ibhayibhile (XHO96)

2-3. Yiyo le imimandla esaseleyo:ummandla wamaFilistiya (akumkani zawo zihlala eGaza naseAshdode, eAshkelon, eGati, nase-Ekron);ummandla wamaGeshure (ekudla ngokuthiwa ngowamaKanana, usuka ngakwintlambo iShihore ngakwimida yeJiputa, kuse emantla kwimida yase-Ekron);ummandla wama-Avi;

4. ummandla wamaKanana ongasezantsi kwakunye neMeyara (engumhlaba wamaSidon), kuse eAfeka ngakwimida yama-Amori;

5. elamaGebhali kunye neLebhanon iphela ukubheka ngasentshona ukususela eBhali-gadi esemzantsi wentaba iHermon, kuse kuloo nkalo yeHamati;

6-7. wonke ummandla wamaSidon ahlala kweleentaba phakathi kweentaba zaseLebhanon neMisefoti-mayim.“Bonke abemi balapho ndobakhupha apho ukufika kwamaSirayeli. Loo mhlaba uzuwabele amaSirayeli kanye ngalaa ndlela bendikuxelele yona, ube lilifa lezizwe ezilithoba kunye nesiqingatha sakwaManase.”

20. iBhete-pehore, amathambeka aloo ntaba iPisga, kunye neBhete-yeshimoti.

21. Wawucanda kwezo dolophu zikuloo mathafa, uwuthathe wonke umhlaba wekumkani yama-Amori uSihon, owayephethe eHeshbhon. UMosis wayoyisa le kumkani ndawonye nezilawuli zaseMidiyan: uEvi, uRekem, uZure, noYuri, kunye noRebha. La madoda ayezizibonda ezaziphantsi kokumkani uSihon.

22. Phakathi kwabantu ababulawa ngamaSirayeli kwafa noBhalam unyana kaBhehore owayengusiyazi.

23. Umlambo iJordan yayingumda wangasentshonalanga wesizwe sakwaRubhen. Zizo ke ezo izixeko needolophu ezabelwa imizi yesizwe sakwaRubhen zaba lilifa lazo.

24. Nguwo lo umhlaba uMosis owawabela isizwe sakwaGadi ngokwemizi yaso ube lilifa laso:

25. ummandla waso uthathela eJazere udibanise zonke izixeko zaseGiliyadi, udibanise nesiqingatha sommandla wama-Amon, kuye kuthi xhaxhe ngeArure ekhangelene neRabha.

26. Wawusuka eHeshbhon use eRamati-mizepe naseBhetonim, usuke eMahanayim use kwimida yeDebhiri.

27. Kwintili yeJordan wawuthatha iBhete-haram, iBhete-nimra, iSukoti, kunye neZafon, nawo wonke ummandla kakumkani uSihon waseHeshbhon. Umda wabo ngasentshona yayingumlambo iJordan kuse emantla kuLwandle lwaseGalili.

28. Ezi zixeko needolophu zaba lilifa lezindlu zesizwe sakwaGadi.

29. Nguwo lo umhlaba uMosis owawabela isiqingatha sesizwe sakwaManase ngokwemizi yaso ube lilifa laso:

30. ummandla waso waya kuthi xhaxhe ngeMahanayim, wadibanisa neBhashan – wonke ummandla kakumkani uOgi waseBhashan, kunye nazo zonke ezo lali zimashumi mathandathu zaseJayire eBhashan.

31. Uthatha isiqingatha seGiliyadi, udibanise iAshtaroti ne-Edreyi, iidolophu ezazingamaziko olawulo zelizwe likakumkani uOgi waseBhashan. Wonke lo mmandla wabelwa isiqingatha semizi eyinzala kaMakire unyana kaManase.

32. Wenjenjalo ke uMosis ukwaba umhlaba ongasempumalanga kweJeriko neJordan kuloo mathafa akwaMowabi.

33. Kodwa ke uMosis akazange ababele mhlaba bona abaLevi. Elabo ilifa nguNdikhoyo uThixo wamaSirayeli ngokwesithembiso sakhe.

Uyoshuwa 13