Uyoshuwa 1:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akuba ebhubhile uMosis, isicaka *sikaNdikhoyo, uNdikhoyo wabhekisa kuYoshuwa unyana kaNune owayesisandla sikaMosis,

2. wathi: “UMosis, isicaka sam, ubhubhile. Ke wena namaSirayeli ephela wuweleni umlambo iJordan, niye kwelo lizwe ndininika lona.

3. Indawo nganye eniya kunyathela kuyo ndininika yona njengoko ndamthembisayo uMosis.

4. Imida yenu yosuka ezantsi entlango, iye kuma ngeentaba zaseLebhanon emantla, isuke empumalanga kumlambo iEfrati, ibandakanye ummandla wamaHeti, iye kuthi gaa ngolwandle entshonalanga.

Uyoshuwa 1