Uyohane 8:9-19 Ibhayibhile (XHO96)

9. Bekuvile oko, bemka bonke ngabanye ngabanye, baqalela kwabadala. Kwasala uYesu nomfazi lowo, esemi apho.

10. Waphakama uYesu, wathi kuye: “Baphi na abamangaleli bakho? Akukho namnye na oshiyekileyo?”

11. Waphendula wathi: “Namnye, Nkosi.”Wathi uYesu: “Nam ke andikugwebi. Hamba, ungàbuye wone.”]

12. UYesu waphinda wabhekisa ebantwini wathi: “Ndim ukhanyiso lwehlabathi. Lowo undilandelayo soze ahambe ebumnyameni; woba nokhanyiselo olunika ubomi.”

13. Baza *abaFarasi bathi kuye: “Wena uzingqinela ngokwakho. Ngenxa yoko ubungqina bakho abamkeleki.”

14. Waphendula uYesu wathi kubo: “Nangona indim ozingqinelayo, buyinyaniso ubungqina bam, kuba ndiyazi apho ndivela khona nalapho ndiya khona; nina aniyazi imvelaphi yam; nalapho ndiya khona anazi.

15. Nina nigweba ngokwabantu. Mna akukho namnye endimgwebayo.

16. Kodwa ke, ukuba ndithe ndagweba, isigwebo sam sithembekile; kuba andindedwa, ndikunye noBawo ondithumileyo.

17. Nasemthethweni wenu kubhalwe kwathiwa ubungqina bamagqina amabini banele.

18. Mna ndizingqinela ngokwam, abe kwanoBawo owandithumayo endingqinela.”

19. Baza bathi kuye: “Uphi loo Yihlo?”Waphendula uYesu wathi: “Kwankqu mna lo anindazi, noBawo ningamazi. Ukuba ke benindazi mna, noBawo ngenimazi.”

Uyohane 8