Uyohane 8:31-38 Ibhayibhile (XHO96)

31. Ke ngoko uYesu wathi kumaJuda abeke ithemba kuye: “Ukuba nithe nazingisa ukuhlala nisenza oko ndinifundisileyo, niya kuba ngabafundi bam benene.

32. Niya kuyiqonda ke inyaniso; yaye inyaniso iya kunenza nikhululeke.”

33. Aphendula amaJuda athi kuye: “Thina siyinzala ka-Abraham; zange sibe ngamakhoboka nanini na. Uthetha ukuthini ke xa uthi siya kukhululeka?”

34. Wawaphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, bonke abenza isono bangamakhoboka esono.

35. Ikhoboka alinalungelo lisisigxina emzini; onelungelo elinjalo emzini ngunyana.

36. Ukuba ke uNyana uthe wanenza nakhululeka, noba ngabakhululekileyo mpela.

37. Ndiyazi ukuba niyinzala ka-Abraham. Nakuba kunjalo nizimisele ukundibulala, kuba alingeni kuni ilizwi lam.

38. Mna ndithetha endikubonileyo kowam uBawo; ke nina nenza enikuvileyo kowenu uyihlo.”

Uyohane 8