Uyohane 8:24-31 Ibhayibhile (XHO96)

24. Kungoko nditshoyo ukuthi niya kufela ezonweni zenu. Ukuba anithanga nakholwa okokuba ndinguye endinguye, niya kufela ezonweni zenu.”

25. Ambuza ke esithi: “Ungubani wena?”Wathi kuwo uYesu: “Ndingulowo ndandithe ndinguye kwasekuqalekeni.

26. Ndinezinto ezininzi endingázithethayo ngani, ndinigwebe nokunigweba ngenxa yazo. Kaloku lowo undithumileyo uyinyaniso; ke mna ihlabathi ndilixelele kuphela oko ndikuvileyo ngaye.”

27. AmaJuda akazange aqonde okokuba uYesu uthetha nawo ngoYise,

28. waza wathi kuwo uYesu: “Xa nithe namphakamisa *uNyana woLuntu, noqonda ke ukuba ndinguye endinguye. Noqonda ke okokuba mna andenzi nto ngagunya lam, koko ndithetha kuphela oko ndikufundiswe nguBawo.

29. Lowo undithumileyo unam; akandishiyanga ndodwa, kuba ndisoloko ndisenza oko kukholekileyo kuye.”

30. Bakumva ethetha ezi zinto, abantu abaninzi ithemba labo balibeka kuYesu.

31. Ke ngoko uYesu wathi kumaJuda abeke ithemba kuye: “Ukuba nithe nazingisa ukuhlala nisenza oko ndinifundisileyo, niya kuba ngabafundi bam benene.

Uyohane 8