Uyohane 7:46-50 Ibhayibhile (XHO96)

46. Baphendula abagadi abo bathi: “Akukho namnye umntu owakha wathetha njengalo.”

47. Baza bathi abaFarasi: “Ngaba unilahlekisile na nani?

48. Kwiinkokheli zethu nakubaFarasi ngaba kukho mntu wakha wakholwa kuye?

49. Baqalekisiwe abantu abangawaziyo *umthetho kaMosis.”

50. KubaFarasi abo kwakukho noNikodimo lowo wayekhe wadlana iindlebe noYesu, waza ke yena wathi kubo:

Uyohane 7