Uyohane 7:42-51 Ibhayibhile (XHO96)

42. *IziBhalo zithi uKrestu woba ngowendlu kaDavide, azalelwe eBhetelehem, idolophu awayehlala kuyo uDavide.”

43. Kwabakho impikiswano ke esihlweleni ngenxa yakhe.

44. Abanye babefuna ukumbamba, kodwa akubangakho bani umchukumisayo.

45. Abagadi *bendlu kaThixo babuyela kubabingeleli abaziintloko *nabaFarasi, baza bona bathi kubo: “Kutheni ningezanga naye nje?”

46. Baphendula abagadi abo bathi: “Akukho namnye umntu owakha wathetha njengalo.”

47. Baza bathi abaFarasi: “Ngaba unilahlekisile na nani?

48. Kwiinkokheli zethu nakubaFarasi ngaba kukho mntu wakha wakholwa kuye?

49. Baqalekisiwe abantu abangawaziyo *umthetho kaMosis.”

50. KubaFarasi abo kwakukho noNikodimo lowo wayekhe wadlana iindlebe noYesu, waza ke yena wathi kubo:

51. “Umthetho wethu awuvumi okokuba umntu agwetywe lingathanga laxoxwa ityala lakhe, kwacaca oko akwenzileyo.”

Uyohane 7