41. Abanye bathi: “Lo mntu *nguKrestu.”Kodwa bambi bathi: “Angathini uKrestu ukuvela eGalili?
42. *IziBhalo zithi uKrestu woba ngowendlu kaDavide, azalelwe eBhetelehem, idolophu awayehlala kuyo uDavide.”
43. Kwabakho impikiswano ke esihlweleni ngenxa yakhe.
44. Abanye babefuna ukumbamba, kodwa akubangakho bani umchukumisayo.
45. Abagadi *bendlu kaThixo babuyela kubabingeleli abaziintloko *nabaFarasi, baza bona bathi kubo: “Kutheni ningezanga naye nje?”
46. Baphendula abagadi abo bathi: “Akukho namnye umntu owakha wathetha njengalo.”
47. Baza bathi abaFarasi: “Ngaba unilahlekisile na nani?
48. Kwiinkokheli zethu nakubaFarasi ngaba kukho mntu wakha wakholwa kuye?
49. Baqalekisiwe abantu abangawaziyo *umthetho kaMosis.”