39. UYesu wayithetha le nto esingisele kuMoya ababeya kumamkela abo babekholwa kuye. Kaloku uMoya wayengekafiki, kuba ubungangamsha bukaYesu babungekabonakali.
40. Bakumva uYesu esitsho, abantu abathile esihlweleni bathi: “Ngenene lo mntu nguye lowa *Mshumayeli.”
41. Abanye bathi: “Lo mntu *nguKrestu.”Kodwa bambi bathi: “Angathini uKrestu ukuvela eGalili?
42. *IziBhalo zithi uKrestu woba ngowendlu kaDavide, azalelwe eBhetelehem, idolophu awayehlala kuyo uDavide.”
43. Kwabakho impikiswano ke esihlweleni ngenxa yakhe.
44. Abanye babefuna ukumbamba, kodwa akubangakho bani umchukumisayo.