22. Khaniphawule le ndawo ngolwaluko lwesiJuda: Ulwaluko lwaqalwa ngamanyange, waza noMosis wawisa umthetho wokuba lubekho. Ngoko niyalùsa nangoMhla wokuPhumla.
23. Ukuba ke umntwana oyinkwenkwe niyamalùsa ngoMhla woPhumlo, ngenxa yokuba nifuna ukugcina umthetho kaMosis, kutheni ke ukuba nikhathazeke kuba ndithe ndaphilisa umntu?
24. Sanukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngobulungisa.”
25. Abanye abantu baseJerusalem babesithi: “Ngaba asinguye na lo bafuna ukumbulala?
26. Kanti nanko ethetha ekuhleni, kungekho bani ubhekisa nento le kuye! Ngaba iinkokheli ziqondile okokuba ngokwenyani lo *nguKrestu?
27. Angathini na lo ukuba nguKrestu simazi nje apho avela khona? UKrestu akufika akuyi kubakho bani waziyo apho avela khona.”
28. Watsho ngelivakalayo uYesu, efundisa *endlwini kaThixo, wathi: “Niba niyandazi, nisazi nalapho ndivela khona! Mna andizizelanga ngokwam. Ndithunywe ngulowo uyinyaniso. Ke nina animazi,