3. UYesu wenyuka endulini, waza wahlala phantsi nabafundi bakhe.
4. Lalisondela itheko lamaJuda ekuthiwa yiPasika.
5. Kwathi uYesu akukhangela, wabona isihlwele esikhulu sisiza kuye, waza wathi kuFilipu: “Ngaba sinokusithenga phi na isonka esaneleyo sokutyisa le ndimbane?”
6. Esitsho nje, wayevavanya uFilipu, kuba yena wayekwazi oko aza kukwenza.
7. Waphendula uFilipu, wathi: “Ngathi nesonka samakhulu amabini eerandi asingekhe sanele okokuba wonke okhoyo afumane iqhekezana.”
8. Omnye wabafundi bakaYesu, uAndreya, umntakwabo-Simon Petros, wathi kuye:
9. “Kukho inkwenkwana apha enezonka ezihlanu zerhasi, neentlanzi ezimbini; kodwa kuyintoni na oko kule nginginya yabantu?”
10. Waza uYesu wathi: “Bahlaliseni phantsi abantu.” Kwakukho ibala elikhulu elinengca apho, baza bahlala phantsi. Inani lamadoda lalikumawaka amahlanu.