Uyohane 6:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi emva koko uYesu waya ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, olo lukwabizwa ngokuba luLwandle lwaseTibheriya.

2. Wayelandelwe sisihlwele esikhulu, kuba abantu babeyibonile imiqondiso awayenzayo ngokuphilisa abagulayo.

3. UYesu wenyuka endulini, waza wahlala phantsi nabafundi bakhe.

4. Lalisondela itheko lamaJuda ekuthiwa yiPasika.

Uyohane 6