13. Wasondela uYesu, wasithatha isonka, wabanika; wathatha nentlanzi, wabanika.
14. Oku kuzibonakalisa kukaYesu kubafundi bakhe kwakukokwesithathu emva kokuvuka kwakhe ekufeni.
15. Emva kokuba betyile, uYesu wathi kuSimon Petros: “Simon, nyana kaYohane, uyandithanda na ngaphezu kwaba?”Wathi kuye: “Ewe, Nkosi, uyazi ukuba ndiyakuthanda.” Wathi kuye uYesu: “Yondla amatakane am.”
16. Aphinde athi kuye okwesibini uYesu: “Simon, nyana kaYohane, uyandithanda na?”Wathi kuye: “Ewe, Nkosi, uyazi ukuba ndiyakuthanda.” Wathi kuye uYesu: “Yalusa iigusha zam.”
17. Wathi kuye okwesithathu uYesu: “Simon, nyana kaYohane, uyandithanda na?”Wev' intw' embi uPetros ebuzwa okwesithathunje nguYesu esithi: “Uyandithanda na?” Waza wathi kuYesu: “Nkosi, izinto zonke uyazazi; uyazi ukuba ndiyakuthanda.”Wathi kuye uYesu: “Yondla iigusha zam.
18. Ndithi kuwe, inene, oko ubusemtsha ubuzibhinqisa, uye apho uthanda ukuya khona, kodwa xa sewaluphele uya kuziphakamisa izandla zakho, ubhinqiswe ngomnye, akuse apho ungathandi kuya khona.”