Uyohane 20:15-25 Ibhayibhile (XHO96)

15. Wathi kuye uYesu: “Ulilela ntoni, wethu? Ufuna bani?”Ecinga ukuba ngumgcini-sitiya, wathi kuye: “Ndixelele, mnumzana, apho umbeke khona, ukuba umsusile, ze ndiye kumthatha.”

16. Wathi kuye uYesu: “Mariya!”Waguqukela kuye, wathi kuye ngesiHebhere: “Rabhoni,” oko kukuthi: “Mfundisi.”

17. Waza wathi uYesu: “Sukundibamba, kuba andikenyuki ndiye kuBawo. Hamba uye kuxelela abahlobo bam ukuba sendinyuka, ndisiya kuBawo okwanguYihlo, uThixo wam okwanguThixo wenu.”

18. Ke ngoko uMariya waseMagadala waya kubaxelela abafundi ukuba uyibonile iNkosi, waza wabaxelela nomyalezo wayo.

19. Ngokuhlwa ngaloo mini yeCawe abafundi babehlangene, bezivalile iingcango kuba besoyika amaJuda. Wafika uYesu, wema phakathi kwabo, wathi: “Uxolo malube nani.”

20. Etshilo wababonisa izandla zakhe nephango lakhe. Baza bafikelwa luvuyo abafundi bakuyibona iNkosi.

21. Waphinda wathi kubo uYesu: “Uxolo malube nani. Njengokuba uBawo endithumile mna, nani ndiyanithuma.”

22. Akuba etshilo ke wabaphefumlela, wathi: “Yamkelani uMoya oyiNgcwele.

23. Bonke abantu enibaxolelayo izono zabo baya kuxolelwa; kanti bonke eningabaxoleliyo abayi kuxolelwa.”

24. UTomas, omnye wabafundi abalishumi elinambini, lo kuthiwa nguWele, wayengekho phakathi kwabafundi ukufika kukaYesu kubo.

25. Ke ngoko abanye abafundi bathi kuye: “Siyibonile iNkosi!”Kodwa yena wathi kubo: “Ndingekawaboni nje amanxeba ezikhonkwane ezandleni zayo, ndifake umnwe emanxebeni ayo, nesandla sam ndisifake ephangweni layo, andisoze ndikholwe.”

Uyohane 20