33. Kodwa akufika kuYesu, afumana ukuba selefile; akabi sayaphula ke eyakhe imilenze.
34. Suka lamhlaba ngomkhonto ephangweni elinye ijoni, kwaza kwampompoza igazi namanzi.
35. Oku kuyangqinwa ngomnye wâbo bakubonileyo, yaye ubungqina bakhe buyinyaniso. Uyazazi ukuba unyanisile, efuna ukuba nani nikholwe.
36. Zisenzeka nje ezi zinto, zazizalisekisa okuxelwe *ziziBhalo zisithi: “Akuyi kwaphulwa nalinye ithambo lakhe.”