Uyohane 17:14-20 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ilizwi lakho ndiligqithisele kubo. Ke lona ihlabathi libathiyile, kuba bengengabo abehlabathi, njengokuba nam ndingengowalo ihlabathi.

15. Anditsho ukuba ubasuse ehlabathini, koko ndicela ukuba ubakhusele kongendawo.

16. Nanjengokuba mna ndingenguye owehlabathi, nabo abangabo abehlabathi.

17. Benze babe ngabakho ngayo inyaniso. Lilizwi lakho inyaniso.

18. Ndibathume ehlabathini njengokuba nam wandithumayo ehlabathini.

19. Ndizinikela kuwe ngenxa yabo, ukuze nabo babe ngabakho ngenene.

20. “Andithandazeli bona bodwa, koko ndithandazela nâbo baya kundivuma ngenxa yelizwi abaliva ngabo.

Uyohane 17