1. “Ndinixelele ezi zinto ukuze ningahlehli elukholweni.
2. Niya kusikwa *ezindlwini zesikhungo; ewe, kuya kufika ixesha lokuba bonke abanibulalayo bacinge ukuba bakhonza uThixo ngokwenjenjalo.
3. Ezo zinto baya kuzenza kuni, kuba bengamazanga uBawo, bengandazanga nam.
4. Ndinixelela ezi zinto ukuze kuthi, lakufika ixesha lokuba ezi zinto bazenze, nikhumbule okokuba ndandinixelele.”“Ekuqaleni andinixelelanga ezi zinto, kuba bendikunye nani.
5. Kodwa ngoku ndiyemka, ndiya kulowo undithumileyo. Akukho namnye kuni undibuzayo ukuba ndiya phi na,
6. kuba iintliziyo zenu zizaliswe bubuhlungu kukundiva ndinixelela ezi zinto.