Uyohane 15:11-15 Ibhayibhile (XHO96)

11. “Ezi zinto ndizithethe kuni ukuze nibe novuyo enilunikwe ndim, luze uvuyo lwenu lugqibelele.

12. Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo.

13. Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.

14. Nizizihlobo zam ke nina, ukuba niyayenza imiyalelo yam.

15. Andisatsho kuni ukuthi nizizicaka, kuba isicaka asikwazi okwenziwa yinkosi yaso. Ndinibiza ngokuthi nizizihlobo, kuba ndinixelele konke endikuvileyo kuBawo.

Uyohane 15