24. Lowo ungandithandiyo akakwenzi endikuthethayo. Kanti la mazwi eniwave ngam akamazwi am, koko ngakaBawo ondithumileyo.
25. “Ndinixelele oku ndisekunye nani.
26. Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.
27. “Ndinishiya noxolo olulolwam, olungafani nakancinane nolweli hlabathi. Ze ningakhathazeki, ningoyiki.
28. Senditshilo kuni ukuthi ndiyemka, kodwa ndiya kuphinda ndibuyele kuni. Ukuba benindithanda ngenavuyayo nakuva ukuba ndiya kuBawo, kuba yena mkhulu kunam.
29. Isizathu sokuba ndinixelele ezi zinto ngoku, zingekenzeki, kukuze zakwenzeka nikholwe.