Uyohane 14:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Musani ukukhathazeka; kholosani ngoThixo, nikholose nangam.

2. Ikho indawo kowethu. Ukuba bekungenjalo ngendingàtsho ukuthi ndiya kunilungiselela indawo.

3. Ndakuba ndimkile ke ndaya kunilungiselela indawo, ndiya kuza kuniphuthuma, nize nani nibe lapho ndikhoyo mna.

4. Ngoko ke niyayazi indlela eya apho ndiya khona.”

5. Waza wathi uTomas: “Nkosi, singàzi nokwazi nje apho uya khona, singáthini ukuyazi indlela eya khona?”

6. Waphendula uYesu wathi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi. Akukho namnye unokuya kuBawo engayi ngam.

7. Nindazi nje mna, niyamazi noBawo. Ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona.”

Uyohane 14