41. Balisusa ke ilitye, waza uYesu wakhangela phezulu, wathi: “Bawo, ndiyabulela kuba undiva.
42. Mna ke bendisazi ukuba uhlala undiva, kambe ke nditsho ngenxa yale ndimbane yabantu ixhontelene apha, khon' ukuze ikholwe ukuba ndithunywe nguwe.”
43. Akuba etshilo wadanduluka wathi: “Lazaro, phuma engcwabeni!”
44. Waphuma umfi, izandla neenyawo zithandelwe ngamalaphu elinen, ubuso bujikelwe ngeqhiya. Wathi kubo uYesu: “Mkhululeni, nimyeke ahambe.”
45. Into eninzi yaloo maJuda awayeze kukhuza uMariya, ithe yakukubona oko uYesu akwenzileyo, yakholwa kuye.
46. Kodwa athile kuwo abuyela *kubaFarasi, abaxelela oko uYesu akwenzileyo.
47. Ke ngoko abaFarasi nababingeleli abaziintloko babiza intlanganiso *yeBhunga, bathi: “Makuthiweni na? Nanku lo mntu esenza imiqondiso emininzi.
48. Ukuba sithe samyeka waqhuba ngolu hlobo, bonke baya kukholwa kuye, aze eze amaRoma, ayidilize *indlu kaThixo, alutshabalalise uhlanga lwethu.”