36. Ke ngoko amaJuda athi: “Khanikhangele ukumthanda kwakhe!”
37. Ke amanye kuwo athi: “Wawavula nje amehlo emfama, ngaba ebengenako ukwenza ukuba noLazaro angabhubhi?”
38. Esachukumiseke njalo entliziyweni uYesu, waya engcwabeni. Ingcwaba eli lalingumqolomba, livalwe ngelitye.
39. Waza wathi uYesu: “Lisuseni ilitye.”Wathi uMarta, udade bomfi: “Nkosi, selenevumba, kuba seleneentsuku ezine eswelekile.”