10. Isela lizele kuphela ukuba libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuba abantu babe nobomi, obona bupheleleyo.
11. “Mna ndingumalusi olungileyo. Umalusi olungileyo ubuncamela iigusha zakhe ubomi bakhe.
12. Kodwa umqeshwa, ongenguye umninizo, owalusa nje kwagusha, uthi akubona ingcuka isiza, abaleke, azishiye; ifike ke ingcuka, izibambe iigusha, izichitha-chithe.
13. Umqeshwa lo ke ubaleka kuba engumntu nje oqeshiweyo engazikhathalele iigusha.
14-15. Ndim umalusi olungileyo. Njengokuba uBawo endazi mna, nam ndimazi uBawo, ngokukwanjalo ndiyazazi iigusha zam, nazo ziyandazi, ndaye nobomi bam ndibuncamela iigusha zam.