32. UYohane wangqina esithi: “Ndibone uMoya oyiNgcwele esihla enjengehobe, evela ezulwini, waza wahlala phezu kwakhe.
33. Ke nam bendingamazi, kodwa lowo wandithumayo ukuba ndibhaptize ngamanzi, nguye owathi kum: ‘Lowo ùbone uMoya esihla phezu kwakhe, ahlale kuye, nguye obhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.’
34. Ke mna, ndikubonile nje oku, ndiyangqina okokuba lo nguye uNyana kaThixo.”
35. Ngengomso uYohane wayelapho kwakhona, enababini kubafundi bakhe.
36. Waza wabona uYesu edlula apho, wathi: “Nâlo ixhwane likaThixo lokungxengxezelela isono.”