Uyobi 5:6-11 Ibhayibhile (XHO96)

6. Kaloku inkxwaleko ayiphumi luthulini,ibe ke nenkathazo ayintshuli mhlabeni.

7. Umntu nenkathazo ngumtya nethunga,kwanjengokuba intlantsi ihamba nomlilo!”

8. “Kambe ke, ukuba ibindim, bendiya kubhenela kuThixo,ndiyaneke phambi kwakhe imeko yam.

9. Kaloku nguye owenza izigigaba ezingenakugoca-gocwa;imimangaliso yakhe ayiphele ndawo.

10. Nguye onisa imvula emhlabeni,amasimi awanyakamise ngamanzi.

11. Yena ngumphakamisi wabadelekileyo;ke bona abasezinyembezini uyabathuthuzela.

Uyobi 5