Uyobi 5:2-6 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ngenene izityhakala zizigwinta ngengcwangu yazo;lona ikhwele yimfeketho ephelela ekufeni.

3. Ndakha ndasibona isityhakala sihluma;suka ke mna ndaliqalekisa elo khaya laso.

4. Oonyana baso basesichengeni;nasenkundleni basisisulu,akukho bani ubahlangulayo.

5. Isivuno saso sityiwa zizilambi,zisicubungula naphakathi kwameva.Amabawa ayaburhogola ubutyebi baso.

6. Kaloku inkxwaleko ayiphumi luthulini,ibe ke nenkathazo ayintshuli mhlabeni.

Uyobi 5