4. “Uthe kum: ‘Phulaphula,mna ndiza kukubuza, wena ke uphendule.’
5. Ngoko bendikwazi nje ngokuva ngeendlebe,kambe ke ngoku ndikubonile ngala wam amehlo.
6. Ngenxa yale nto ke ngoku ndiyazisola;ewe, ndiyaguquka; ndiseluthulini naseluthuthwini.”
7. Emva kwale ntetho *kaNdikhoyo noYobi uNdikhoyo ubhekise kuElifazi waseTema, wathi: “Umsindo wam uyavutha kuwe nakubahlobo bakho ababini, kuba anithethanga nto iyiyo ngam njengesicaka sam uYobi.
8. Ngoko ke thathani iinkunzi zeenkomo ezisixhenxe, neenkunzi zeegusha ezikwasixhenxe, niye nazo kwisicaka sam uYobi, nizenzele idini elitshiswayo. Ke yena uYobi isicaka sam uya kunithandazela; ibe ke mna ndiya kuwamkela loo mthandazo wakhe, ndinganiphathi ngokobudenge benu. Kaloku nina anithethanga nto iyiyo ngam njengoko enzileyo yena uYobi isicaka sam.”