Uyobi 4:12-17 Ibhayibhile (XHO96)

12. “Ndakha ndee rhithi udaba bunkente-nkente;ewe, iindlebe zam zeva amarhe ngathi kuyasetyezwa.

13. Kanye ngaloo mathuba emiva-ndedwa yemibono ebusuku,xa kanye ndikobentlombe,

14. suka ndarhwaqela ndankwantya,ada amathambo am anengevane.

15. Nako ke kusithi phinzi into phambi kwam;hayi ke, ndahlathuzela ngamanwele!

16. Nantso ke, suka yema bhunxe!Hayi, andibanga nakuyinakana mpela.Phofu wona umthinzi wabe uphambi kwam –hayi ke, kwathi cwaka,ndada ndeva ilizwi lisithi:

17. ‘Ngab' ingenzeka na into yokuba umntu abe lilungisa kunoThixo?Umntu angaba nyulu ngaphezu koMdali wakhe?

Uyobi 4